1 Yeziganeko 2:23-31 Ibhayibhile (XHO96)

23. Ke uGeshuri noAram bathimba iHavoti-yayire kunye neKenati namaphandle azo, iilali ezingamashumi amathandathu zizonke. Bonke aba bantu babeyinzala kaMakire uyise kaGiliyadi.

24. Emva kokusweleka kukaHezeron eKalebhi yase-Efrata, umka-Hezeron uAbhiya wamzalela uAshure ukhokho weTekowa.

25. Oonyana bakaJerameli, amazibulo kaHezeron, nguRam owamazibulo, noBhuna, no-Oren, no-Ozem, noAhiya.

26. UJerameli ebenomnye umfazi ogama linguAtara, owayengunina kaOnam.

27. Oonyana bakaRam, amazibulo kaJerameli, nguMazi, noTamin, noEkere.

28. Oonyana bakaOnam nguShamayi noYada. Oonyana bakaShamayi nguNadabhi noAbhishure.

29. Umka-Abhishure nguAbhihayili owazala uAbhan noMolidi.

30. Oonyana bakaNadabhi nguSelede noApayim. USelede wafa engenamntwana.

31. Unyana ka-Apayim nguIshi, uyise kaSheshan owazala uAlayi.

1 Yeziganeko 2