1 Yeziganeko 2:11-17 Ibhayibhile (XHO96)

11. UNashon wazala uSalma, uSalma wazala uBhowazi,

12. uBhowazi wazala uObhede, uObhede wazala uJese.

13. Naba oonyana abasixhenxe bakaJese ngokuzana kwabo: uEliyabhi, uAbhinadabhi, uShimeha,

14. uNataniyeli, uRadayi,

15. uOzem, noDavide.

16. Oodade babo yayinguZeruya noAbhigeli. UZeruya wayenoonyana abathathu: uAbhishayi, uJowabhi, noAsayeli.

17. UAbhigeli wazala uAmasa; uyise ka-Amasa nguYetere umIshmayeli.

1 Yeziganeko 2