1 Yeziganeko 16:26-35 Ibhayibhile (XHO96)

26. kuba yimifanekiso nje izithixo zeentlanga,kodwa yena uNdikhoyo wadal' oomazulu.

27. Yena unesihomo nesithozela;kukho ubungangamsha nemincili ekhayeni lakhe.

28. Mbongeni uNdikhoyo, nina bemi bomhlaba;mbongeni kuba unewonga namagunya.

29. Mnikeni imbeko efanele igama lakhe;sondezani amadini, nize phambi kwakhe.Mnquleni uNdikhoyo, yena unesihomo nesithozela.

30. Malingcangcazele lonk' ihlabathi phambi kwakhe;nguye oya kubagweba ngobulungisa bonke abantu.

31. Gcobani, mazulu, lichwayite ihlabathi.Zixeleleni iintlanga ukuba uNdikhoyo nguKumkani.

32. Gquma, wena lwandle, nako konke okwakho;makayeyezele amadlelo nezinto ezikuwo.

33. Mayombele imithi emahlathini, ibe nemihlali phambi koNdikhoyo,kuba uyeza uNdikhoyo – uza kuligweba ihlabathi.

34. Bambani ngazibini, kuba ulungile uNdikhoyo.Kaloku izibele zakhe ziya kuhlala zikho ngonaphakade.

35. Hlahlambani nithi: “Sisindise, Thixo onguMsindisi wethu!Siqokelele usihlangule phakathi kweentlanga,ukuze sikubulele, silibonge igama lakho elingcwele.”

1 Yeziganeko 16