1 Yeziganeko 15:16-25 Ibhayibhile (XHO96)

16. UDavide wayalela izikhulu zabaLevi, wathi mazimise abanye kumawabo babe ziimvumi, bamemelele becula iingoma bekhatshwa zizikhalisi: imirhubhe, iihapu, namacangci.

17. Ngoko ke abaLevi banyula uHeman unyana kaJoweli, nakubantakwabo uAsafu unyana kaBherekiya, baza kubantakwabo oonyana bakaMerari banyula uEtan unyana kaKushaya,

18. kunye nabantakwabo abanezikhundla ezinganeno: uZekariya, uYaziyeli, uShemiramoti, uYehiyeli, u-Uni, uEliyabhi, uBhenaya, uMaseya, uMatitiya, uElifele, uMikeneya, uObhedi-edom, noYehiyeli, abagcini-masango.

19. Ke zona iimvumi, uHeman, uAsafu, noEtan, babeza kukhalisa amacangci obhedu.

20. Aba babeza kukhalisa iihapu ezilizwi liyisoprano: uZakariya, uHaziyeli, uShemiramoti, uYehiyeli, u-Uni, uEliyabhi, uMaseya, noBhenaya,

21. kunye noMatitiya, uElifele, uMikeneya, uObhedi-edom, uYehiyeli, noAzaziya, bona babeza kudlala iihapu ezilizwi liyibhesi.

22. UKenaniya inkulu yabaLevi yayinguye umphathi wekwayala, ingumsebenzi wakhe lowo, kuba kakade wayeyingcali kwelo cala.

23. UBherekiya noElikana babengabagcini-masango, besalusa ityesi kaThixo.

24. Aba ke babeza kukhalisa amaxilongo phambi kwetyesi kaThixo: uShebhaniya, uYoshafati, uNataniyeli, uAmasayi, uZekariya, uBhenaya, noElizere. UObhedi-edom noYehiya nabo babengabagcini-masango, besalusa ityesi kaThixo.

25. Ke kaloku uDavide, namadoda amakhulu akwaSirayeli, kunye neengqwayi-ngqwayi zomkhosi, benyuka baya kuthatha ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo eyayisendlwini kaObhedi-edom. Babehamba benemincili

1 Yeziganeko 15