3. Apho eJerusalem ke uDavide wathatha abanye abafazi, waza ke wazala abanye oonyana neentombi.
4. Nanga amagama abantwana bakhe abazelwe eJerusalem: nguShamuwa, uShobhabhi, uNatan, uSolomon,
5. uIbhare, uElishuwa, uElipelete,
6. uNoga, uNifege, uYafiya,
7. uElishama, uBheliyada, noElifelete.
8. Zakuvakala kumaFilistiya iindaba zokuba uDavide uthanjiswe waba ngukumkani wakwaSirayeli, akhupha umkhosi wawo, emfuna. Uthe akuyiva loo nto uDavide wasuka waya kuwahlangabeza.