1 Yeziganeko 13:9-14 Ibhayibhile (XHO96)

9. Bathi bakufika ngasesandeni sikaKidon, zakhubeka iinkabi, waza u-Uza wayibamba ityesi yomnqophiso eyixhasa.

10. Wavutha umsindo kaNdikhoyo ngaku-Uza, waza wambetha wafa, kuba eyichukumise ngesandla ityesi leyo. Ngoko ke wafa ngoko nangoko ebulawa nguThixo.

11. Wakhathazeka uDavide, kuba umsindo kaNdikhoyo utyhobozele ku-Uza. Loo ndawo ke kwathiwa yiPereze-uza ukubizwa kwayo unanamhla.

12. Wangenwa kukoyika uThixo ngaloo mini uDavide, wathi: “Yaz'ba ndingayithabathela njani na kum ityesi kaThixo?”

13. Ngoko ke wayiyeka ityesi leyo, akabi sayibeka kwisixeko sikaDavide. Ndaweni yaloo nto wayibeka endlwini kaObhedi-edom umGati.

14. Yahlala apho ke ityesi kaThixo, kuloo mzi kaObhedi-edom, iinyanga zantathu. Ke uNdikhoyo wayithamsanqela indlu kaObhedi-edom nento yonke anayo.

1 Yeziganeko 13