32. awakwaIsakare, izinto ezaziwaqonda amaxesha, ziyazi into afanele ukuyenza uSirayeli, yayiziinkokheli ezimakhulu mabini, zikunye nezizalwana zazo ezaziphantsi kolawulo lwazo;
33. awakwaZebhulon, oomakad' enetha bamajoni, izinto ezichophele imfazwe, zilungele nasiphi na isixhobo, zizimisele ukunceda uDavide zingenakumbi, yayingamashumi amahlanu amawaka;
34. awakwaNafetali yayiliwaka lamagosa kunye nezinto eziphath' ikhaka nomkhonto, zingamashumi amathathu anesixhenxe amawaka;
35. awakwaDan, izinto ezilindele umayenzeke, yayingamashumi amabini anesibhozo amawaka namakhulu amathandathu;
36. awakwa-Ashere, oomakad' enetha bamajoni, izinto ezilindele umayenzeke, yayingamashumi amane amawaka;