19. Namanye kumadoda akwaManase awelela kuDavide xa wayekunye namaFilistiya, besilwa noSawule. Kambe ke yena naloo madoda akhe zange bade bawancedise amaFilistiya lawo, kuba athi akuba ethetha-thethene, umlawuli wawo wamgxotha, esithi: βLe nto ingangumngcipheko kwakuthi β hleze asuke akreqe kuthi, axhase inkosi yakhe uSawule.β
20. Ke ekuyeni kwakhe eZikelage, nanga amaManase azibandakanya noDavide: uAdena, uYozabhadi, uYediyali, uMikayeli, uJozabhadi, uElihu, noZiletayi, iingqwayi-ngqwayi zamabutho akwaManase.
21. UDavide amnceda kumabutho ahlaselayo. Kaloku onke ayengoompondo-zihlanjiwe, eziingqwayi-ngqwayi emkhosini wakhe.
22. Amadoda aphikela ukuwelela kuDavide mihla le, wada ke wanomkhosikazi owomeleleyo.
23. La ngamanani amadoda omkhosi awazibandakanya noDavide eHebron, ukuze umbuso kaSawule awubhukuqe uwele kuDavide ngokomlomo *kaNdikhoyo:
24. awakwaJuda, iinto eziqule zaligangatha, zixhobe ngomkhonto nekhaka, yayingamawaka amathandathu namakhulu asibhozo;
25. awakwaSimon, iinto eziqule zaligangatha, zilindele umayenzeke, yayingamawaka asixhenxe nekhulu;
26. awakwaLevi, ingamawaka amane namakhulu amathandathu,
27. ekunye noJoyada intloko yendlu ka-Aron, kunye namadoda angamawaka amathathu namakhulu asixhenxe,
28. noZadoki igorha lomfana, namagosa endlu yakowabo angamashumi amabini anesibini;
29. awakwaBhenjamin kuloSawule, ayengamawaka amathathu, awayesoloko engakuSawule ukuza kuthi gaa ngelo thuba;