10. owesine inguMismana, owesihlanu inguJeremiya,
11. uAtayi ingowesithandathu, uEliyeli ingowesixhenxe,
12. owesibhozo inguYohanan, uElizabhadi ingowethoba,
13. uJeremiya ingoweshumi, oweshumi elinanye inguMakebhanayi.
14. La maGadi yayiziingqwayi-ngqwayi zomkhosi, nelona tyutyusi kuwo sasingeyontanga yalo nekhulu, noyena makhonya kuwo engeyontanga yalo newaka.
15. Ngawo la awela umlambo iJordan ngenyanga yokuqala, ingazele iphuphuma, aza abaswantsulisa bonke ababemi kwiintili zayo empuma nasentshona.
16. Kananjalo namanye amaBhenjamin ekunye nabathile bakwaJuda awelela kuDavide ngoko asenqabeni yakhe.
17. UDavide waphuma wawahlangabeza, wathi kuwo: “Ukuba ngaba nize ngoxolo apha kum, ngenjongo yokundincedisa, ndiyanamkela, singamanyana. Kambe ke, ukuba kuthe kanti nize ngeenjongo zokundintama ezintshabeni zam, ngoku ndingasenanxa namntu, ngamana anganibona uThixo woobawo, anibuyekeze.”
18. Ke uMoya wehla phezu koAmasayi ingqwayi-ngqwayi yaloo mashumi mathathu, waza wathi:“Thina singabakho, Davide!Singabakho, mfo kaJese!Makube yimpumelelo kuwe,baphumelele nabo bakuxhasayo,kuba uThixo wakho uza kukunceda!”Ngoko ke uDavide wawamkela, wawenza iingqwayi-ngqwayi zamabutho okuhlasela.