1 Yeziganeko 12:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. La ngamadoda awaya kuDavide eZikelage, ngokuya wayegxothiwe nguSawule unyana kaKishe. Yayingamanye kumajoni awayesima nawo edabini.

2. Ayexhobe ngeentolo *neenkwitshi, iinto ezidubula ngazo zozibini esokunene nesasekhohlo. Yayingamadoda endlu kaBhenjamin, izizalwana zikaSawule.

3. Ewe, la madoda iingqwayi-ngqwayi zawo yayinguAhizene noYowashe, oonyaba bakaShemawa waseGibheya; wona inguYeziyeli noPelete, oonyana baka-Azemavete; uBheraka, uYehu waseAnatoti,

4. noIshmaya waseGibheyon, igorha kulaa mashumi mathathu elaliyingqwayi-ngqwayi yawo; uJeremiya, uYaziyeli, uYohanan, uYozabhadi waseGedera,

5. uEluzayi, uJerimoti, uBheliya, uShemariya, noShefatiya umHarufi,

6. uElikana, uYeshiya, uAzarele, uYowezere, noYashobhewam, amaKora;

7. noYowela noZebhadiya oonyana bakaJeroham zaseGedore.

8. Namanye kumaGadi awelela kuDavide ngoko asenqabeni yakhe entlango. Yayingamatsha-ntliziyo aqule aligangatha, iinto ezinesandla ngakumkhonto nekhaka. Yayizizinto ezibuso bungwanyalala okwengonyama, izinto ezisantya ngathi yimbabala yentaba.

9. Ayekhokelwa nguEzere, esalekelwa nguObhadiya, kulandele uEliyabhi,

10. owesine inguMismana, owesihlanu inguJeremiya,

1 Yeziganeko 12