5. athi kuDavide: “Akunakuze ungene apha wena!” Kambe ke uDavide wasuka wayithimba inqaba iZiyon, isixeko sikaDavide.
6. UDavide ke wayethe: “Nabani na othe wakhokela xa kuhlaselwa amaJebhusi uya kuba yinjengele.” Ke uJowabhi, unyana kaZeruya, yaba nguye ophumayo, waza ke wenziwa injengele yomkhosi.
7. Waya kuhlala apho kuloo nqaba uDavide, yaza yabizwa ngokuba sisixeko sikaDavide.
8. Wakha isixeko sayijikeleza, esusela kungqameko, waya kuthi ngqu ngodonga olujikelezileyo. Ke yena uJowabhi wasizinzisa isixeko ngokubanzi.
9. UDavide ke waya esomelela ngokomelela, kuba kaloku uNdikhoyo onamandla onke wayenaye.
10. Nazi iintloko zamagorha omkhosi kaDavide. Wona ke ekunye namaSirayeli ephela awuxhasa awomeleza umbuso wakhe wada wanabela kulo lonke elo lizwe ngokwesithembiso *sikaNdikhoyo.
11. Ewe, nalu uludwe lwamagorha kaDavide:UJashobham umHakimoni wayeyintloko yamagorha angamashumi amathathu. Walwa namakhulu amathathu amadoda eyedwa, wawabulala onke ngomkhonto wakhe kwidabi elinye.
12. Olandelayo nguElazare, unyana kaDodo umAhoyi, engomnye wamagorha amathathu.
13. Yena wayekunye noDavide ePasi-damimi mhla ngedabi, amaFilistiya ehlanganisene khona. Ndaweni ithile apho kwakukho intsimi ezele yirhasi, umkhosi waswantsuliswa ngamaFilistiya.
14. Kambe ke uElazare namadoda akhe bema baqingqa apho phakathi kuloo ntsimi. Ewe, bahlanganisa babetha kwajub' ugodo kumaFilistiya, waza uNdikhoyo waba ngotshatsheleyo.
15. Isithathu kuloo madoda angamashumi amathathu aziintloko zomkhosi kaDavide saya kuye kwiliwa elikumqolomba waseAdulam, lo gama wona umkhosi wamaFilistiya umise kwintili yamaRafa.
16. Ngelo xesha uDavide yena wayesezintabeni kwindawo enqabileyo, kukho ibutho lamaFilistiya eBhetelehem.