1 Yeziganeko 11:23-28 Ibhayibhile (XHO96)

23. Wabulala umJiputa owayelufafa oluziimitha ezimbini ezinekota ubude. UmJiputa lo wayephethe umkhonto ongangesibonda, uBhenaya wamgqebha ngebhunguza, hlasi loo mkhonto, wamgwaza kwangawo loo mJiputa.

24. Zazinjalo ke izigigaba zikaBhenaya unyana kaJoyada; naye wayedume njengaloo magorha mathathu.

25. Wayebalasele phakathi kwaloo magorha angamashumi amathathu, kodwa wayengabandakanywanga kuloo magorha mathathu. UDavide wamenza inkokheli yabalindi bokumkani.

26. Nanga loo magorha:NguAsayeli umntakwabo-Jowabhi, uEl-hanani unyana kaDodo waseBhetelehem,

27. uShamoti waseHarori, uHeleze wasePelon,

28. uIra unyana kaIkeshe waseTekowa, uAbhiyezere waseAnatoti,

1 Yeziganeko 11