40. Oonyana bakaShobhali nguAliyana, noManahati, noEbhali, noShefi, no-Onam. Oonyana bakaZibheyon nguAya noAna.
41. Unyana ka-Ana nguDishon. Oonyana bakaDishon nguHamran, noEshbhan, noItran, noKeran.
42. Oonyana bakaEzere nguBhilehan, noZavan, noYakane. Oonyana bakaDishan ngu-Uze noAran.
43. Naba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom phambi kokuba kwaSirayeli kubekho ukumkani olawulayo: NguBhela unyana kaBhehore, okomkhulu laliyiDinabha.
44. Akufa uBhela kwangena esikhundleni sakhe uJobhabhi unyana kaZera waseBhozera.
45. Akufa uJobhabhi kwangena esikhundleni sakhe uHusham wakummandla wakwaTeman.