10. Ke uKushe wazala uNimrodi owaba ligorha lokuqala emhlabeni.
11. Nasi isizukulwana sikaMizerayim: ngamaLudi, nama-Anam, namaLehabhi, namaNafetuyi,
12. namaPatrusi, namaKaseluyi (apho kwaphuma khona amaFilistiya), namaKafto.
13. UKanana wazala uSidon owamazibulo, noHeti,
14. kunye namaJebhusi, nama-Amori, namaGirgashi,
15. namaHivi, nama-Areki, namaSini,
16. nama-Arvadi, namaZemari, namaHamati.