6. Masingalali buthongo ke thina njengabanye abo; masiphaphe, singanxili.
7. Kulalwa ebusuku ngabalalayo; kunxilwa ebusuku ngamanxila.
8. Ke thina bantu bahamba emini masinganxili, koko masambathe ukholo nothando njengesikhuselo-sifuba, sithwale ithemba lokusindiswa njengomnqwazi wokukhusela intloko.
9. Kuba kaloku uThixo akasinyulelanga ingqumbo, usinyulele ukuba sizuze usindiso ngoYesu Krestu iNkosi yethu,
10. owasifela ukuze sihlale kunye naye, nokuba silele nokuba asilele.
11. Ngoko ke, njengoko senenjenjalo kakade, khuthazanani, nakhane omnye nomnye.
12. Ndiyanicenga, mawethu, babekeni abo babulaleka ngenxa yenu, betyunjwe yiNkosi ukuba banikhokele baniqeqeshe.
13. Bahloneleni nibathande ngenxa yomsebenzi abawenzayo. Nina hlalani ngoxolo omnye nomnye.