1 Kwabasetesalonika 2:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nazi ngokwenu, mawethu, ukuba undwendwelo lwethu phakathi kwenu alubanga lilize konke-konke.

2. Emva kokuphathwa gadalala sinyeliswa nokunyeliswa eFilipi seza kuluphalaza kuni udaba lweendaba ezimnandi zikaThixo, singafihlisi, singenalo noloyiko, siphiwa amandla nguThixo wethu. Yaba ngumzamo onzimakazi lowo.

3. Ewe kambe, ukushumayela kwam akuzanga kusekelwe ngabuxoki, kungazanga kwaba nazinjongo ziphuthileyo, ndaye ndingazanga ndalinga nakukhohlisa bani.

1 Kwabasetesalonika 2