8. Kodwa, nina nisuka none okanye nibaqhathe abanye, nangona bengamawenu!
9. Anazi na ukuba abakhohlakeleyo abayi kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo? Musani ukulahlekiswa: abarheletyi, nabakhonza izithixo, nabakrexezayo, nabafebayo, nabangamadoda alalanayo,
10. nabangamasela, nababawayo, nabangamanxila, nabathukayo, nabazizikrelemnqa, abanakubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo.
11. Kanti abanye kuni babenjalo kanye, kodwa nahlanjwa, nenziwa imilowo, naba ngamalungisa phambi koThixo ngenxa yegama leNkosi uYesu nangoMoya kaThixo wethu.
12. Ubani unokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum.” Ewe, kunjalo, kodwa azikulungelanga zonke. Nam bendinokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum;” kodwa ngekhe ndinikezele ukuze ndilawulwe nayiyiphi na into.