1. Ndiva kusithiwa kukho umbulo phakathi kwenu. Lowo ke ngumbulo onganyamezelekiyo naphakathi kweentlanga. Ndithetha lo wokuba umntu ahlalisane nomfazi kayise.
2. Ningathini ke ukuzidla? Benimelwe kukwenyela, nimsuse phakathi kwenu lowo wenze loo ntlondi.
3. Mna ke, ndingekho nje okunene ngesiqu (kodwa ndikho ngomoya) sendide ndagqiba ngokungathi ndikho, malunga noyenzileyo loo nto.
4. Ndigqibe kwelithi xa nihlangene egameni leNkosi yethu uYesu Krestu, nam ndikho ngomoya, amandla eNkosi yethu uYesu Krestu esixhasa,
5. makanikelwe onjalo kuSathana, ukuze umzimba wakhe utshatyalaliswe, ngenjongo yokuba umoya wakhe ube nokusindiswa ngomhla womgwebo.
6. Hayi ukunyanyeka kweqhayiya lenu! Anisazi kakade isaci esithi: “Igwele elincinane libilisa intlama iphela”?
7. Likhupheni ngoko liphele tu igwele elidala elonakalisayo, ukuze nibe yintlama entsha. Kaloku niyintlama engenagwele, kuba *iPasika yethu seyilungisiwe, ethe nje uKrestu, ixhwane lethu lePasika, wenziwa idini.
12-13. Asingomsebenzi wam ukubagweba abangengabo abebandla. Bagwetywa nguThixo bona. Kodwa ngumsebenzi wenu ukubagweba abebandla lenu, njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Ze nimsuse phakathi kwenu lowo ukhohlakeleyo.”