4. Lowo uthetha ngeelwimi, uzakha yena siqu; kodwa yena oshumayelayo wakha ibandla liphela.
5. Bendingathandayo ukuba nithethe iilwimi xa ninonke, kodwa eyona nto ingaphezulu kukuba nibe nesiphiwo sokushumayela nonke. Lowo ushumayelayo ungaphezulu kwalowo uthetha ngeelwimi, ngaphandle kokuba lowo uthetha ngeelwimi uyatolikelwa, ukuze kwakheke ibandla liphela.
6. Mawethu, kunganinceda ntoni ukuba ndithi xa ndifikile apho kuni ndithethe ngeelwimi? Nento le – ngaphandle kokuba ndiniphathele isityhilelo esivela kuThixo, ulwazi oluthile, okanye udaba olunefuthe likaMoya, kungenjalo imfundiso.
7. Nasengomeni izinto ezinjengoomaxilongo noozikatala zikhala ngokwahlukeneyo. Okanye xa kungenjalo ngubani ongayilandelayo ingoma ukuba azikhali ngokucacileyo?
8. Khona, ukuba ngaba umkhalisi-sigodlo akasikhalisanga ngokucacileyo, ngubani owoyixhobela imfazwe?