11. Ukuba ke andilwazi ulwimi oluthethwayo, lowo uluthethayo uya kuba yintlanga kum, nam ndibe yintlanga kuye.
12. Njengokuba nikulangazelela nje ukuba nazo iziphiwo zoMoya, zamani ukubalasela kwezo zilakhayo ibandla.
13. Umntu othetha ngeelwimi makathandazele ukufumana isiphiwo sokuzicacisa.
14. Kuba xa ndithandaza ngeelwimi umoya wam uhamba nam, kodwa yona ingqiqo ayithathi nxaxheba.
15. Mandithini ke? Mandithandaze ndawonye nomoya wam, kodwa ndithandaze ngengqiqo; mandimemelele ngomoya, futhi ndimemelele ngengqiqo.