1 Kwabasekorinte 14:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngoko ke langazelelani uthando, ningaziyeki phofu nezinye izipho zoMoya, ingakumbi isiphiwo sokushumayela.

2. Yena othetha ngeelwimi, uthetha noThixo, akabhekisi mntwini, kuba akukho bani uyiqondayo le nto ayithethayo. Kaloku ngamandla kaMoya oyiNgcwele uthetha izinto ezibanqabeleyo abantu.

3. Kodwa yena oshumayelayo uthetha nabantu; uyabakha, uyabakhuthaza ebathuthuzela.

4. Lowo uthetha ngeelwimi, uzakha yena siqu; kodwa yena oshumayelayo wakha ibandla liphela.

1 Kwabasekorinte 14