1 Kwabasekorinte 1:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kubhala mna Pawulos ndibizwe *ndangumthunywa kaYesu Krestu ngokuthanda kukaThixo. Ndibhala ndikunye noSosteno uwethu.

2. Ndibhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, abakhethwe ngokumanywa noKrestu Yesu, bebizelwe ukuba yimilowo yakwaThixo ndawonye nabo bonke abalinqulayo ezindaweni zonke igama leNkosi yethu uYesu Krestu, oyiNkosi yabo kwaneyethu.

3. Kuni ke ndithi: Makube sisisa, kube luxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu.

4. Ndihlala ndimbulela ngani uThixo wam ngenxa yesisa anibabale ngaso ngokunimanya noYesu Krestu.

5. Kaloku, nimanyene noKrestu nje, ninendyebo ngezinto zonke, ekuthetheni nasekwazini ngokupheleleyo.

6. Kaloku iindaba ezingoKrestu zithe zamila kuni,

1 Kwabasekorinte 1