14. Wuthobele umyalelo, uwuphathe nyulu ungenabala, kude kube yiMini yokubonakala kweNkosi yethu uYesu Krestu.
15. Le mbonakalo uThixo uya kuyizalisekisa ngexesha lakhe elifanelekileyo – ewe, uThixo ingangamsha yengangalala elawula konke, iKumkani yeekumkani, iNkosi yamakhosi!
16. Nguye yedwa ongasoze afe; uhlala kubuqaqawuli obungafikelelwayo. Akukho mntu wakha wambona nonokuze ambone. Kuye makubekho isidima nobungangamsha ngoku kude kube ngunaphakade! *Amen.
17. Bayale abantu abanobutyebi beli hlabathi bangaziphakamisi baqamele ngento engaqinisekanga njengemali, koko mabathembele kuThixo, kuba yena unezinwe, unako ukusenza sixhamle zonke izinto sonwabile.