1 Kutimoti 6:14-17 Ibhayibhile (XHO96)

14. Wuthobele umyalelo, uwuphathe nyulu ungenabala, kude kube yiMini yokubonakala kweNkosi yethu uYesu Krestu.

15. Le mbonakalo uThixo uya kuyizalisekisa ngexesha lakhe elifanelekileyo – ewe, uThixo ingangamsha yengangalala elawula konke, iKumkani yeekumkani, iNkosi yamakhosi!

16. Nguye yedwa ongasoze afe; uhlala kubuqaqawuli obungafikelelwayo. Akukho mntu wakha wambona nonokuze ambone. Kuye makubekho isidima nobungangamsha ngoku kude kube ngunaphakade! *Amen.

17. Bayale abantu abanobutyebi beli hlabathi bangaziphakamisi baqamele ngento engaqinisekanga njengemali, koko mabathembele kuThixo, kuba yena unezinwe, unako ukusenza sixhamle zonke izinto sonwabile.

1 Kutimoti 6