1 Kutimoti 5:16-20 Ibhayibhile (XHO96)

16. Ukuba kukho inkosikazi elikholwa enezizalwana ezingabahlolokazi mayizijonge ngokwayo, ingathwalisi ibandla umthwalo, khon' ukuze libe nako ukujonga abo bangenamntu.

17. Abakhokeli abasebenza kakuhle ekuphatheni ibandla mabawongwe babonelelwe ngokwaneleyo; ngakumbi abo babulaleka ziintshumayelo nakukufundisa.

18. Kaloku zithi *iziBhalo: “Sukuyifaka isicheme inkabi ebhulayo.” Ziphinda kwakhona zithi: “Umsebénzi ufanelwe ngumvuzo wakhe.”

19. Isimangalo esenziwa ngomkhokeli uze ungasamkeli ngele kokuba sixhaswa ngamangqina amabini namathathu.

20. Abo bonayo, bangxolise ekuhleni, khon' ukuze nabanye boyike ukona.

1 Kutimoti 5