11. Abahlolokazi abasebatsha uze ungababhalisi bona. Kaloku kuthi wakubavukela umnqweno bafune ukwenda, bamfulathele uKrestu,
12. baze ke babe netyala ngokwaphula isithembiso.
13. Ngaphandle kwaloo nto baziqhelisa nokuchitha ixesha behamba bejikeleza emizini, bagqibele benolwimi, behamba bethetha ngezinto zabantu.
14. Mna ndicebisa ukuba aba basebatsha abahlolokazi mabatshate, bazale, bahlale emizini yabo, ukuze iintshaba zethu zingafumani kroba lokusinyemba.
15. Kaloku sekukho abanye abahlolokazi abasebekhethe ukulandela uSathana.