1 Kutimoti 3:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Liyinene eli lizwi lithi: “Ukunqwenela ukuba yinkokheli ziinjongo ezibalulekileyo.”

2. Ngoko ke inkokheli mayibe ngumntu ongenabala; mayibe ngumntu onomfazi omnye, ozinzileyo ngengqondo, oyingcathu; abe ngonocwangco, onobubele ekhaya, okwaziyo ukufundisa;

3. engelilo inxila, okanye ocaphuka msinya, kodwa onobulali, ethanda inzolo; mayingabi ngoyinyolukeleyo imali.

1 Kutimoti 3