12. Umntu omfumeneyo uNyana, ubufumene ubomi; kanti ke yena ongekamfumani uNyana kaThixo, akanabo ubomi.
13. Ndibhala nje ndifuna niqonde, nina nikholwayo kwigama loNyana kaThixo, ukuba ninobomi obungenasiphelo.
14. Ngoko ke sisondela singenaxhala kuThixo, sisazi ukuba uyasiphulaphula xa sicela silungele ukwenza loo nto athanda ukuba siyenze.
15. Njengokuba ke sisazi ukuba uyaziphulaphula izicelo zethu, ngokunjalo ke siyazi ukuba izinto esizicelayo sesiziphiwe.