1. Nawuphi na umntu okholwayo ukuba uYesu unguKrestu, ungumntwana kaThixo; yaye ke nabani na omthandayo umzali uyamthanda nomntwana.
2. Ukuba siyamthanda uThixo siyithobela nemiyalelo yakhe, loo nto luphawu lokuba siyabathanda abantwana bakhe.
3. Kaloku ukumthanda uThixo kuhambisana nokuthobela imiyalelo yakhe. Ke yona imiyalelo kaThixo ayinzima kuthi.
4. Kaloku wonke umntwana kaThixo uyaloyisa eli hlabathi. Ke kaloku ihlabathi siloyisa ngokukholosa ngoThixo.
5. Akukho mntu unokuloyisa ihlabathi ngaphandle kwalowo ukholwayo ukuba uYesu nguNyana kaThixo.