1 Kasamweli 6:15-19 Ibhayibhile (XHO96)

15. AbaLevi bayithula ityesi yomnqophiso kunye naloo bhokisi yayinemifuziselo eyenziwe ngegolide, bazibeka phezu kwelo litye likhulu. Abemi baseBhete-shemeshe benzela uNdikhoyo iminikelo kunye namadini atshiswayo.

16. Emva kokuba zibukele iinkosi zamaFilistiya zabuyela e-Ekron kwangaloo mini.

17. AmaFilistiya ayethumele imifuziselo yamathumba emihlanu enziwe ngegolide, engxengxeza ngayo kuNdikhoyo. Umfuziselo ngamnye wawumele isixeko. Ezo zixeko yayiyiAshdode, iGaza, iAshkelon, iGati, kunye ne-Ekron.

18. Bathumela kwanemifuziselo yeempuku ezenziwe ngegolide. Impuku nganye yayimele isixeko ngasinye sezo nkosi zintlanu zamaFilistiya, nditsho izixeko ezibiyelweyo kunye neziphaluka zazo. Elo litye lalisentsimini kaYoshuwa waseBhete-shemeshe lisemi apho unanamhla oku, libubungqina bento eyehla apho.

19. UNdikhoyo wababetha abemi baseBhete-shemeshe, kwafa abangamashumi asixhenxe, kuba kaloku basuka bayijonga ityesi yomnqophiso. Kwazilwa ngabemi balapho, kuba uNdikhoyo ebhubhise abantu abaninzi kangaka.

1 Kasamweli 6