1 Kasamweli 6:11-17 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ayilayisha ityesi yomnqophiso enqweleni, ayilayisha naloo bhokisi iphethe imifuziselo yeempuku namathumba eyenziwe ngegolide.

12. Zenjenjeya ukusinga ngaseBhete-shemeshe ezo mazi, zithe ngqo endleleni, zihamba zinxakama njalo, zingatyekeli ngasekhohlo nasekunene. Zona iinkosi zamaFilistiya zazilandela zada zaya kuma ngomda waseBhete-shemeshe.

13. Ukuthi gqi kwayo ityesi yomnqophiso abantu baseBhete-shemeshe babesentlanjeni, bevuna ingqolowa. Yeka ke imincili yabo bakuyibona ityesi yomnqophiso!

14. Loo nqwelo yaya kuma malunga nelitye elikhulu entsimini yomfo ekwakusithiwa nguYoshuwa waseBhete-shemeshe. Bayinqunqa yaziinkuni loo nqwelo, baxhela nezo mazi, benzela ngazo uNdikhoyo idini elitshiswayo.

15. AbaLevi bayithula ityesi yomnqophiso kunye naloo bhokisi yayinemifuziselo eyenziwe ngegolide, bazibeka phezu kwelo litye likhulu. Abemi baseBhete-shemeshe benzela uNdikhoyo iminikelo kunye namadini atshiswayo.

16. Emva kokuba zibukele iinkosi zamaFilistiya zabuyela e-Ekron kwangaloo mini.

17. AmaFilistiya ayethumele imifuziselo yamathumba emihlanu enziwe ngegolide, engxengxeza ngayo kuNdikhoyo. Umfuziselo ngamnye wawumele isixeko. Ezo zixeko yayiyiAshdode, iGaza, iAshkelon, iGati, kunye ne-Ekron.

1 Kasamweli 6