6. UNdikhoyo wabaphatha gadalala abantu baseAshdode neziphaluka zayo. Wabathobela izibetho, wabathuthumbisa ngamathumba.
7. Athi amadoda alapho akuqonda le meko: “Le tyesi yoThixo wamaSirayeli mayisuke apha phakathi kwethu. Naku esimise kakubi kunye noDagoni uthixo wethu.”
8. Kwabizwa intlanganiso yeenkosi zamaFilistiya, kwabuzwa kuzo kwathiwa: “Nithi mayithiweni na le tyesi yoThixo wamaSirayeli?”Zaphendula zathi: “Mayisiwe eGati ityesi yoThixo wamaSirayeli.” Yasiwa apho ke.
9. Nalapho uNdikhoyo wabamisa kakubi abantu, batsho bazizantanta, wabathuthumbisa ngamathumba, omncinci nomdala ngokufanayo.
10. Yadluliselwa e-Ekron ityesi yomnqophiso kaThixo.Yathi isafikanje abantu balapho bakhalaza besithi: “Baze kusibulalisa ngalaa tyesi yoThixo wamaSirayeli thina nabantu bethu!”
11. Abantu balapho babiza iinkosi zamaFilistiya, babhekisa kuzo bathi: “Sincedeni; yisuseni apha kuthi le tyesi yoThixo wamaSirayeli. Mayibuyele kowayo, hleze isibulale thina nabantu bethu.” Kaloku bonke abantu besixeko babenkwantyisiwe kukufa, kuba uThixo wayebamise kakubi.