1 Kasamweli 4:18-22 Ibhayibhile (XHO96)

18. Uthe akuva kukhankanywa netyesi yomnqophiso uEli, waphequka kweso sihlalo sakhe ngasesangweni, wophuka ilungu lentamo, wafa. Kaloku wayeselaluphele, ekwanesiqu. Wayeyinkokheli kwaSirayeli iminyaka engamashumi amane.

19. Ngelo xesha umolokazana kaEli, umka-Pineyasi, wayekhulelwe, seleza kukhululeka. Wathi ke akuziva iindaba zokuthinjwa kwetyesi yomnqophiso kaThixo, nokuba uyisezala kunye nomyeni wakhe abasekho, wasuka waguqa, wazala. Zamongamela iintlungu zokubeleka.

20. Kwathi xa aqhawukayo, abafazi ababembelekisa bathi kuye: “Qina, mfazi; uzele inkwenkwe.”Yena wasuka akaphendula, akabahoya nokubahoya oku.

21. Wathi igama laloo mntwana nguIkabhodi, esithi: “Udumo lumkile kwaSirayeli,” kuba ityesi kaThixo ibithinjiwe, uyisezala nomyeni wakhe nabo babeswelekile.

22. Wathi: “Udumo lumkile kwaSirayeli, kuba ityesi kaThixo ithinjiwe.”

1 Kasamweli 4