10. Izikrweqe zikaSawule azibeka endlwini yothixo wawo uAshtaroti, isidumbu sakhe asibethelela kudonga lwedolophu iBhete-shan.
11. Zathi zakuvakala kubantu baseJabheshe eGiliyadi iindaba zento eyenziwe kuSawule ngamaFilistiya,
12. kwanduluka onke amagorha alapho, ahamba ubusuku bonke esinga eBhete-shan. Afika azithula izidumbu zooSawule noonyana bakhe kolo donga lwaseBhete-shan, agoduka nazo, aya kuzitshisa eJabheshe.
13. Emva koko bawathatha amathambo abo, baya kuwangcwaba ngaphantsi komthi womtamariske eJabheshe, baza bazila iintsuku ezisixhenxe.