USawule wazenza mntu wumbi, wanxiba zambatho zimbi. Uthe ngorhatya wakhatshwa ngamaphakathi amabini, baya kuloo mfazi uvumisayo. Uthe akuba efikile kuloo mfazi uSawule, wabhekisa kuye wenjenje: “Khawubhekise kwabangasekhoyo, undibizele lo mntu ndiza kukuxelela igama lakhe.”