1 Kasamweli 28:20-25 Ibhayibhile (XHO96)

20. Ngoko nangoko wawa bhaxa emhlabeni uSawule, egubha ngenxa yamazwi kaSamweli. Wayeselephelelwe nangamandla, kuba wayengazange wasa nto emlonyeni imini nobusuku.

21. Waya kuye loo mfazi, wafika uSawule efile kukoyika, waza wathi: “Mhlekazi, umkhonzazana wakho ukuthobele. Ubomi bam ndibubeke esichengeni ndenza ngokomyalelo wakho.

22. Ngoku ke siphulaphule isicakazana sakho; mandikwenzele into etyiwayo, utye, ahlaziyeke amandla akho, uhambe indlela yakho.”

23. Wala uSawule, esithi: “Andiyi kusa nto emlonyeni!”Kambe ke amcenga amaphakathi kunye naloo mfazi. Ngenene woyisakala, wavuka, wahlala ebhedini.

24. Loo mfazi wakhawuleza waxhela ithole elondlekileyo awayenalo emzini wakhe; wathatha umgubo, waxova, wenza isonka esinganyuswanga.

25. Oko kutya wakubeka ngaphambi kukaSawule kunye namaphakathi akhe, bakutya, baza banduluka kwangobo busuku.

1 Kasamweli 28