1 Kasamweli 25:13-16 Ibhayibhile (XHO96)

13. UDavide wathi kumadoda akhe: “Xwayani nonke amakrele enu!” Bonke bawaxwaya, waza naye wenjenjalo. Wahamba namakhulu amane amadoda, kwasala amakhulu amabini elinde impahla.

14. Kwesuka esinye kwizicaka zakwaNabhali, saya kuhlebela umkakhe uAbhigeli, safika sathi: “Nkosikazi, uvile na? UDavide ubethumele izigidimi zivela entlango ukuba zizise imibuliso kumhlekazi, wasuka yena wazinukuneza.

15. Kanti ke la madoda ayesiphethe kakuhle. Akazanga asihlupha nganto, saye singazange sibe nanto ilahlekayo ngalo lonke elo xesha sasisendle kunye nawo.

16. Asoloko esikhusela ubusuku nemini ngokuya sasisalusa impahla endle.

1 Kasamweli 25