1 Kasamweli 20:23-28 Ibhayibhile (XHO96)

23. Uze ukhumbule ukuba uNdikhoyo ulingqina phakathi kwethu ngomnqophiso esiwenzileyo.”

24. Wahamba ke uDavide, waya kuzimela endle. Ngomhla womsitho wokuthwasa kwenyanga ukumkani uSawule

25. wahlala endaweni yakhe ethekweni ngaseludongeni. Ecaleni kwakhe kwahlala uAbhinere, waza uJonatan wahlala ejongene nokumkani. Yayingenamntu indawo kaDavide,

26. kodwa uSawule akazange athethe nto loo mini, kuba wacinga esithi: “Ngahle kukho nto imvaleleyo uDavide, emenze waba ngongahlambulukanga – inene *unomlaza.”

27. Ngengomso olandela itheko lokuthwasa kwenyanga ayibanga namntu kwakhona indawo kaDavide, waza uSawule wabuza kuJonatan wathi: “Kutheni engezanga esidlweni izolo nanamhla unyana kaJese?”

28. UJonatan uphendule ngelithi: “Undicengile ukuba ndimvumele ahambe aye eBhetelehem.

1 Kasamweli 20