1. Emva koko uDavide wasaba eNayoti eRama, wabalekela kuJonatan. Ufike wabuza wathi: “Ngaba yintoni le ndenze yona kukumkani? Ndenze tyala lini? Ndimone ngani na uyihlo le nto afun' ukundibulala?”
2. UJonatan wenjenje ukuphendula uDavide: “Soze ubulawe! Uyazi ukuba akukho nto akhe ayenze ubawo, nokuba inkulu, nokuba incinane, engandityandelanga igila. Ubengathini ke ukungandixeleli into enjengale uyithethayo? Hayi, akukho nto injalo.”
3. Wafunga uDavide, wathi: “Kaloku uyihlo uyazi kakuhle ukuba undithanda kakhulu, waza ke wayifihla le nto kuwe yokuceba ukundibulala, esithi: ‘UJonatan makangakwazi oku, kuba woba buhlungu.’ Kodwa ndithi kuwe, ekho nje *uNdikhoyo, nawe ukho nje, lona ingcwaba sendilikrobile!”
4. Kwesi sithuba ke uJonatan uthe kuDavide: “Yitsho ndikwenzele nantoni na oyifunayo.”
5. Wenjenje ke ukuphendula uDavide: “Ngomso oku ngumsitho wokuthwasa kwenyanga, yaye ke kufuneka ndibekho esidlweni sikakumkani. Nceda undikhulule ndiye kuzimela endle kude kube ngokuhlwa kwangomsomnye.
6. Xa uyihlo ephawula ukuba andikho, uze uthi kuye: ‘UDavide undibongozile ukumvumela khe athi tsi kowabo eBhetelehem, abekho xa kusenziwa idini lonyaka elenzelwa onke amawabo.’