1 Kasamweli 2:30-33 Ibhayibhile (XHO96)

30. “Ngako oko uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, uthi: ‘Mna ndathembisa ukuba indlu yakho nendlu kayihlo yoba ngababingeleli bam naphakade.’ Kodwa ngoku uNdikhoyo uthi: ‘Unotshe! Mna ndiwonga abo bandihlonelayo, abo bandidelayo ndibaqalekise.

31. Iyeza imihla endiza kuwashunqula amandla akho namandla endlu kayihlo, khon' ukuze ingabikho ingwevu kumlibo wenu.

32. Niya kubona imbandezelo endaweni yam, naxa amanye amaSirayeli aya kuba nempumelelo. Ewe, akusayi kubuya kubekho nkonde kowenu.

33. Nokuba kungakho omnye wenzala yakho osasondela eqongeni, naloo nto iseza kukulilisa ikuhluphe, kuba inkoliso yamadoda endlu yakho iya kufa iselula.

1 Kasamweli 2