46. Namhla oku uNdikhoyo uza kukunikela kum. Ndiza kukuwisa, ndikunqumle intloko. Izidumbu zomkhosi wamaFilistiya zona ndoziphosa kumaxhalanga namarhamncwa, lonke elimiweyo likwazi ukuba uSirayeli unoThixo.
47. Sonke esi sihlwele esihlangene apha soqonda ukuba uNdikhoyo akadingi makrele namikhonto ukusindisa abantu bakhe. Nguye olilawulayo idabi, yaye nonke uza kuninikela ezandleni zethu.”
48. Waya esondela kuDavide umFilistiya lowo, ezimisele ukumhlasela, waza uDavide wasukela ukumhlangabeza ekulweni.
49. Wafaka isandla engxoweni yakhe, warhola ilitye lalinye, wajolisa ngenkwitshi kuGoliyati. Wamchana ebunzi, latsho latshona ilitye. Waya kuwa ngobuso emhlabeni uGoliyati.
50. Waba ke uDavide uyamongamela uGoliyati, wamoyisa engaphethe krele, wambulala ngenkwitshi nelitye!
51. Wasukela waya kutsho phezu kukaGoliyati. Wafika walithi rhutyu esingxotyeni salo ikrele likaGoliyati, wamnqumla intloko ngalo, emgqibezela.Acela kwabasicatyana amaFilistiya, akubona ukuwa kwegorha lawo.
52. Amadoda akwaSirayeli nawakwaJuda wona ahlaba umkhosi, awasukela amaFilistiya, ada aya kutsho ekungeneni eGati nasemasangweni e-Ekron. Kwakuthe waca ngamaFilistiya aziingxwelerha konke endleleni eya eSharayim kuse eGati nase-Ekron.
53. Ukubuya kwawo ekusukeleni amaFilistiya, amaSirayeli aya kuthatha amaxhoba kwikampu yomkhosi wamaFilistiya.
54. UDavide yena wathatha intloko kaGoliyati, waya nayo eJerusalem, zona izikrweqe zikaGoliyati wazigcina ententeni yakhe.
55. USawule akubona uDavide esiya kulwa noGoliyati wabuza kuAbhinere umphathi-mkhosi, wathi: “Yinto kabani laa ntwana?”UAbhinere wathi: “Mhlekazi, inene, andinalwazi konke.”
56. Wathi uSawule: “Hamba ubuzisa kaloku, siqonde ukuba ungunyana kabani laa mfana.”
57. Uthe ke akubuyela ekampini uDavide, emva kokuba ebulele uGoliyati, uAbhinere wamsa kuSawule. Wayesaphethe loo ntloko kaGoliyati uDavide.