1 Kasamweli 17:41-46 Ibhayibhile (XHO96)

41. Yena umFilistiya wanyantsula esondela ngakuDavide, umphathi-khaka wakhe ehamba ngaphambi kwakhe.

42. UmFilistiya akumbona uDavide wamdela, kuba kaloku uDavide wayeselula, eyinzwana, ebusweni ekhangeleka esegazini.

43. Uvakele esithi kuDavide: “Uza kwenzani ngezo ntonga? Uba ndiyinja?” Watsho etyibela uDavide ngeziqalekiso *zoothixo bakhe.

44. “Sondela, loo mzinjana wakho ndiwuphose kumaxhalanga namarhamncwa,” waqokela watsho.

45. Uthe yena uDavide kumFilistiya lowo: “Uza kum uphethe ikrele, umkhonto, nentshuntshe, wena; kodwa mna ndiza kuwe egameni likaNdikhoyo onamandla onke, uThixo womkhosi wakwaSirayeli, lo wena uwudelileyo.

46. Namhla oku uNdikhoyo uza kukunikela kum. Ndiza kukuwisa, ndikunqumle intloko. Izidumbu zomkhosi wamaFilistiya zona ndoziphosa kumaxhalanga namarhamncwa, lonke elimiweyo likwazi ukuba uSirayeli unoThixo.

1 Kasamweli 17