27. Bamxelela yonke into eya kwenzelwa umntu onokuthi abulale uGoliyati.
28. Umkhuluwa kaDavide uEliyabhi wamvela uDavide ethetha naloo madoda. Wacaphuka, wathi kuDavide: “Uzokwenza ntoni apha, kwedini? Laluswa ngubani na elaa gcuntswana leegusha entlango ulapha nje? Ntondini inekratshi ikhohlakeleyo, uzele nje ukuza kubukela idabi wena!”
29. “Kowu! Sendenze ntoni ngoku? Uthetha ukuba andinakuba sabuza nokubuza oku?” kutsho uDavide.
30. Watsho eguqukela komnye umfo, ebuza kwaloo mbuzo mnye. Ufumene kwaloo mpendulo ikwafanayo.