1 Kasamweli 17:26-38 Ibhayibhile (XHO96)

26. UDavide wabuzisa kumadoda awayemi ngakuye, wathi: “Nithi uya kwenzelwa ntoni umntu obulele laa mFilistiya, awakhuphe kweli hlazo amaSirayeli? Ingubani kakade yona laa ntlanga ingalukanga yomFilistiya idela umkhosi kaThixo ophilayo?”

27. Bamxelela yonke into eya kwenzelwa umntu onokuthi abulale uGoliyati.

28. Umkhuluwa kaDavide uEliyabhi wamvela uDavide ethetha naloo madoda. Wacaphuka, wathi kuDavide: “Uzokwenza ntoni apha, kwedini? Laluswa ngubani na elaa gcuntswana leegusha entlango ulapha nje? Ntondini inekratshi ikhohlakeleyo, uzele nje ukuza kubukela idabi wena!”

29. “Kowu! Sendenze ntoni ngoku? Uthetha ukuba andinakuba sabuza nokubuza oku?” kutsho uDavide.

30. Watsho eguqukela komnye umfo, ebuza kwaloo mbuzo mnye. Ufumene kwaloo mpendulo ikwafanayo.

31. Yeviwa intetho kaDavide, yasiwa kuSawule. Yena wathi makabizwe uDavide.

32. Wafika wathi uDavide kuSawule: “Mhlekazi, makungabikho bani unkwantyayo ngenxa yalaa mFilistiya! Mna mkhonzi wakho ndiza kuya kulwa naye.”

33. Waphendula uSawule wathi: “Ayingangawe into yokuya kulwa nalaa mFilistiya. Ùselula, kanti yena uqhelene nokulwa kwasebutsheni bakhe.”

34. “Mhlekazi,” kutsho uDavide, “ndim owalusa iigusha zikabawo. Xa kuthe kwakho ingonyama okanye ibhere exhwila itakane emhlambini,

35. kusuka mna ndiyilandele ndiyihlasele, ndilihlangule elo takane. Xa ithe loo ngonyama okanye loo bhere yajika yalwa nam, ndisuka ndiyithi nqaku ngoqhoqhoqho, ndiyibethe ife.

36. Ndiqhele ukubulala oozingonyama noomabhere; nale ntlanga ingolukanga yomFilistiya idela umkhosi *kaNdikhoyo ndiza kuyibulala.

37. UNdikhoyo owandisindisayo koozingonyama noomabhere nangoku uza kundisindisa kulo mFilistiya.”“Kulungile ke, yiya, mfo wam; ubenga uNdikhoyo anganawe,” watsho uSawule.

38. Watsho enika uDavide ezakhe izikhuselo, wamthwesa umnqwazi wobhedu, wamfaka nesikhuselo somzimba.

1 Kasamweli 17