1 Kasamweli 15:12-20 Ibhayibhile (XHO96)

12. Uvuke ekuseni uSamweli, waya kukhangela uSawule. Ufike kusithiwa: “USawule uye eKarmele, waza apho wamisa ilitye lesikhumbuzo sakhe, wedlula nalapho waya eGiligali.”

13. Walanda ekhondweni uSamweli, wada wamfumana, uSawule wathi: “Makakuthamsanqele uNdikhoyo, Samweli! Ndiwufezile umyalelo kaNdikhoyo!”

14. “Xa kunjalo, kokwantoni oku kukhala kweegusha ndikuvayo kunye nokunxakama kweenkomo?” ubuzile uSamweli.

15. Uthe uSawule ukuphendula: “Zezithinjwe ngamadoda omkhosi wam kuma-Amaleki. Zonke ezinye bazitshabalalisile; bagcina nje ezona zintle, ukuze bamenzele amadini ngazo uNdikhoyo uThixo wakho.”

16. “Khawume ke,” utshilo uSamweli, “ndikhe ndikuxelele ukuba utheni na kum uNdikhoyo phezolo.”“Ndixelele,” watsho uSawule.

17. USamweli wathi: “Naxa wena wawuzibona uphantsi, kodwa wenziwa intloko yezizwe zakwaSirayeli. Wathanjiswa nguNdikhoyo ukuba ube ngukumkani wamaSirayeli,

18. waza wakuyalela ukuba uye kutshabalalisa eziya zikhohlakali zama-Amaleki. Wakuxelela ukuba uze ulwe uwatshayele ade aphele onke kuthi tu.

19. Ke kutheni ungamthobelanga nje uNdikhoyo? Wenze into embi phambi koNdikhoyo ngokungxamela ukuthatha amaxhoba.”

20. “UNdikhoyo ndimthobele,” kutsho uSawule. “Ndiyile emfazweni ngokuthunywa nguye, ndambamba ukumkani uAgagi, kodwa ndawabulala onke amanye ama-Amaleki.

1 Kasamweli 15