7. “Yenza ngokubona kwakho. Mna ndikwelo ulithethayo, naliphi na,” utshilo umfana.
8. “Kulungile ke,” kutsho uJonatan. “Masiwele siye kuwo amaFilistiya, aze asibone.
9. Xa athe: ‘Yimani side size kuni,’ siya kuma kuloo ndawo sikuyo, singayi kuwo.
10. Kodwa ke xa athe: ‘Nyukani nize kuthi,’ siya kunyuka, kuba lowo ngumqondiso wokuba uNdikhoyo uwanikele esandleni sethu.”