1 Kasamweli 14:46-52 Ibhayibhile (XHO96)

46. Akabanga sawasukela amaFilistiya emva koko uSawule, asuka abuyela elizweni lawo.

47. USawule ekubeni engene ezintanjeni zokulawula, wazilwa iintshaba zamaSirayeli kwiindawo ngeendawo. Walwa namaMowabhi, ama-Amon, kunye namaEdom, kwakunye neekumkani zaseZobha, namaFilistiya. Wayetshatshela konke apho aya khona edabini.

48. Wayesilwa ngokukhalipha, wachitha nkqu nama-Amaleki. Wawahlangula amaSirayeli ekuhlaselweni ziintshaba zawo.

49. Nanga amagama oonyana bakaSawule: nguJonatan, noIshvi, kunye noMalkishuwa. Ezintombini enkulu yayinguMerabhi, encinci inguMikali.

50. Igama lomkakhe yayinguAyinowam, intombi ka-Ahimazi. Umkhosi wakhe wawuphantsi komntakwabo uAbhinere, unyana kaNere uyisekazi.

51. UKishe uyise kaSawule kunye noNere uyise ka-Abhinere babengoonyana baka-Abhiyeli.

52. Wahlala esilwa ngamandla namaFilistiya uSawule bonke ubomi bakhe. Wayedla ngokufaka emkhosini wakhe yonke indoda eyomeleleyo nelikhalipha.

1 Kasamweli 14