1 Kasamweli 13:8-13 Ibhayibhile (XHO96)

8. Walinda iintsuku zasixhenxe, njengoko wayeyalelwe nguSamweli. Akafika yena uSamweli eGiligali. Amadoda kaSawule aya echithakala,

9. waza ke wathi: “Sondezani kum izinto zokwenza amadini atshiswayo namadini obudlelane.” Zithe zakusiwa, wanikela idini elitshiswayo.

10. Kuthe kanye xa agqibezelayo, wagaleleka uSamweli. USawule waya kumhlangabeza, ethakazela.

11. Wasuka uSamweli wabuza wathi: “Yintoni le uyenzileyo, Sawule?”Uphendule ngelithi uSawule: “Hayi, ndithe ndakubona amadoda echithakala, nawe ungafiki ngexesha obuthe uya kufika ngalo, namaFilistiya eqokelelana eMikimashe,

12. ndaqonda ukuba la maFilistiya ngahle asihlasele apha eGiligali singekabhekisi *kuNdikhoyo. Ndeva ndinyanzelekile ke ukuba ndinikele idini elitshiswayo kuNdikhoyo.”

13. “Wenze ubudenge ke khona!” kutsho uSamweli. “Uwutyeshele umyalelo kaNdikhoyo uThixo wakho. Ukuba ubumthobele uNdikhoyo ubukumkani bakho kwaSirayeli bebuya kuma bumi.

1 Kasamweli 13