1 Kasamweli 12:4-10 Ibhayibhile (XHO96)

4. Wahlokoma umzi wathi: “Akuzange wasicinezela nanini, ungazange wangcungcuthekisa bani nakanye; yaye akuzange wathatha nto mntwini.”

5. Wathi ke uSamweli: “UNdikhoyo nomthanjiswa wakhe ukumkani ngamangqina am ke ukuba kutsho nina ukuthi ndimsulwa.”“Ewe,” kutsho abantu, “nguNdikhoyo ingqina lethu.”

6. Uqhube wenjenje uSamweli: “Ingqina nguNdikhoyo lo watyumba uMosis noAron, waza wabakhupha ooyihlo-mkhulu eJiputa.

7. Sondelani ke, ndiniyale phambi koNdikhoyo ngokunikhumbuza ngemisebenzi yobulungisa ayenzele nina nooyihlo.

8. “Kwathi akuba seJiputa uYakobi nomzi wakhe, bazibika kuNdikhoyo, yena wathumela uMosis noAron ababakhuphayo eJiputa, beza kuma kulo mhlaba.

9. Bathi bakuba lapha abantu bamlibala uNdikhoyo uThixo wabo. Yena ke ngoko wabanikela esandleni sikaSisera umphathi womkhosi waseHazore, nakumaFilistiya, nakukumkani wakwaMowabhi, – zintshaba zabo ezo ezabahlaselayo.

10. Babuya bazibika kuNdikhoyo, besithi: ‘Ewe, sonile, kuba sikufulathele, Ndikhoyo, sanqula ooBhali nooAshtaroti. Sihlangule kwiintshaba zethu; sokhonza wena!’

1 Kasamweli 12