1 Kasamweli 11:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ukumkani uNahashe wama-Amon wahlasela idolophu iJabheshe ekummandla wamaGiliyadi, wayivingcela. Amadoda onke alapho eJabheshe athi kukumkani uNahashe: “Masenze umnqophiso woxolo. Siyavuma ukukuthobela.”

2. UNahashe uthe ukuphendula: “Loo mnqophiso ndiya kuwenza kuphela xa sivanayo ukuba ndikrolonqe iliso lasekunene kumntu ngamnye, khon' ukuze ndiwahlazise amaSirayeli.”

3. Athe ukuphendula amadoda amakhulu aseJabheshe: “Khawusiphe iintsuku zibe sixhenxe, sikhe sithumele izigidimi kulo lonke elakwaSirayeli kuqala. Ukuba akakho osihlangulayo, sozincama sinikezele.”

4. Ezo zigidimi zaya kugaleleka eGibheya kuloSawule. Zathi zakuziphalaza ezo ndaba, basitsho abantu isikhalo.

5. Wayesafika evela emasimini neenkabi zakhe uSawule. “Kwenzeke ntoni ebantwini? Sisijwili sani esi basenzayo?” NguSawule obuzayo. Abantu bamxelela ezo ndaba zazize nezigidimi zaseJabheshe.

1 Kasamweli 11