8. Uya kundandulela ukuya eGiligali. Nakanjani ndiya kufika, senzele khona uNdikhoyo amadini atshiswayo nawobudlelane. Uze undilinde apho iintsuku ezisixhenxe, ndide ndifike, ndikuyalele into omawuyenze.”
9. Uthe uSawule xa ejika enika uSamweli umva, uThixo wamnika mo yimbi uSawule. Yaye yonke loo miqondiso yayithethwe nguSamweli yazalisekiswa kwangaloo mini.
10. Ukufika kukaSawule nesicaka eGibheya wahlangatyezwa ngumgcelele wabashumayeli. UMoya kaThixo wamngena ngamandla, waza naye wangenelela washumayela.
11. Bathi bakumbona esenza loo nto abantu ababekade bemazi, babuzana besithi: “Yeha ke! Nithi ungenwe yini na unyana kaKishe? Nithi noSawule selewaba ngomnye *wabashumayeli na?”
12. “Bangoonyana bakabani bona aba?” wavakala esitsho omnye wabemi balapho.Savela loo mini ke isaci esithi: “NoSawule lo kanti selewaba ngomnye wabashumayeli na?”